


Amaqela equblsene kukhuphlswano lweCoca-Cola Cup.
I Coca- Co1a Challenge Entsha

Njengoko imidlalo yePremier League
entsha eMzantsi-Afrika iza kuqalisa ngoJulayi,
kudlalwa imidlalo yeCocaCola Challenge Cup ukuze amaqela abe
nento ayenzayo nababukeli babe nemi dlalo ebonwabisayo.
kubalisa uWILLIE BOKALA
ifoto endala yeBONA
K
 WENZIWE iinguqu kwibhola ekhathwayo eMzantsi-Afrika kwakhona. Njengoko
iPremier League entsha iza kuqala ngoJulayi, iNational Soccer League nabakwaCoca-Cola bathe gqi neCoca-Cola Challenge Cup ukuze abadlali babe nemidlalo abayidlalayo nababukeli babe nemidlalo abanokuyibukela.
Abathandi bebhola bafanele ukuba banendawo yokubhideka njengoko bebesazi ukuba abakwaCoca-Cola bebexhasa ukhuphiswano lweCoca-Cola Cup kwiminyaka emine edlulileyo. Eneneni iza kudlalelwa iCoca-Cola Cup eqhelekiieyo ngoJuni yaye iza kudlalwa ngendlela ebidlalwa ngayo kwiminyaka edlulileyo.
Umahluko uza kuba kulo nyaka kuphela
- apho kuza kudlalelwa iCoca-Cola Cup eqhelekileyo emva kokuba bekudlalelwa ichallenge Cup eyenzelwe ukugcina amaqela ebhola enento ayenzayo de kuqale imidlalo yeligi ngoJulayi. KwiChallenge Cup amaqela athile adlala odwa lize iqela lifumane amanqaku amathathu ngomdlalo eliwuphumeleleyo kanti lifumana inqaku elinye xa edlale antanga-nye. Ekupheleni kwale midlalo kuza kuthathwa amaqela ali-16 aphezulu kwiligi aza kudlalela iCoca-Cola Cup Knockout eza kuqala ngojuni.
Kwiminyaka yangaphambili bekudlala amaqela amabini asezantsi kwiligi namaqela amabini anyuselwe kwifirst division. Amaqela aphumelele kuloo midlalo ebedityaniswa nali-
14 aseleyo kwiligi ukuze adlalele iKnockout Cup.
lnto enomdla ngolu khuphiswano kukuba iqela elizuze iCoca-Cola Knockout Cup liza kudlala kwiAfrican Champions Cup ngonyaka ozayo. lqela elibethwe kwifayinali yolu khuphiswano liza kudlalela iMandela Cup.
Oku kungenxa yokuba iPremier League iqala nguJulayi yaye iza kuphela ngoMeyi kunyaka ozayo, ngoko iNSL iya kuba nengxaki ukuthumela amagama amaqela amabini aphume kwindawo yokuqala neyesibini aza kungenela ukhuphiswano IweCAF kunyaka ozayo. Ukhuphiswano lweCoca-Cola luza kuvala eso sithuba.
Kulo nyaka amaqela ali-18, aquka namaqela amabi ni anyuselwe nyakenye adlala kumabala akhethwa yiCoca-Cola Challenge Cup Committe. Ekupheleni kwemidlalo yomjikelo wokuqala, amaqela amabini asekugqibeleni aza kukhutshwa; ali16 aseleyo adlalele iCoca-Cola Knockout Cup.
Nangona amaqela edlala ngokuzimisela ukuze angabi sekugqibeleni kwiligi, akukacaci ukuba liliphi iqela elikhulu eliza kuba kwindawo yokuqala kwiChallenge Cup okanye eliza kuzuza iKnockout Cup.
Kungoku nje iOrlando Pirates ngathi iza kunqandwa zii nkwenkwezi njengoko izuze iAfrican Club Champions Cup nyakenye neAfrica Super Cup ngoFebruwari. lfanele izame ukudlala kakuhle kwichallenge Cup nakwiknockout Cup ukuze ingenele imidlalo yaseAfrika kwakhona ngo-1 997.
lngxaki ejamelene nePirates kukuba inemidlalo emininzi gqitha kulo nyaka, njengoko kufuneka ikhusele indebe yayo yaseAfrika, idlale kwiBP Top Eight iphinde
idlale nakolu khuphiswano Iutsha. Ubuthathaka beli qela bubonakele kwi-lWisa Charity Spectacular ngoFebruwari apho itywatyushwe yiSundowns ngamanqaku ania 4 kweli-1.
Nangona iChiefs iwuqale kakuhle unyaka ngokubetha iSundowns, iphinde yathotywa kukubethwa yiPretoria City ngo-2 -emdlalweni olandelayo. Umdlalo wayo neSundowns uphele kungumbhodano kusasele imizuzu engama-30 kwisiqingatha sesibini, kwaye ngoku isigqibo ngalo mdlalo, siza kuthathwa yiCoca-Cola Challenge Comrnittee.
Phofu ke iChiefs asiloqela lakujongelwa phantsi njengokuba livule unyaka ngokuzuza icharity Spectacular.
Kodwa sifanele sikhumbule nokuba akukho nelinye iqela elikhulu elikhe layizuza iCoca-Cola Cup oko yaqala ukudlalelwa kwiminyala emine edlulileyo. Le ndebe yazuzwa ngamazulu ngokubetha iChiefs kunyaka wokuqala. Emva koko yazuzwa yiBush Bucks ngo-1993, iQwa Qwa Stars ngo-1994 neWits University ngo-1995.
Amaqela amancinane asenokuwabetha amaqela amakhulu ukuze kube ngawo abhiyozayo ekupheleni kolu khuphiswano. X kunokwenzeka oku ndicinga ukuba yiPretor City eriokuyizuza le ndebe.
Eli qela lasePitoli lidlala kakuhle oko kuqale unyaka, yaye libethe iChiefs neSundowns kolu khuphiswano. Unabadlali abazimiseleyo yaye lifuna ukuzlbonakalisa ukuba alifanelanga lijongelwe phantsi.
Phofu ke natiphi na iqela kwiQwa Qwa Stars, iBush Bucks neWits - akhe ayizuza ndebe, okanye iSwallows, iHellenic neVaal Professionals anokwenza imimangaliso.







Ekugqibeleni
Uyintshatsheli
Yehlabathi UThulani
S u g a rb o y Ma1inga!
USugarboy MaIinga ude wayizuza intshinga yesuper middleweight kwiWorld Boxing Council emva kokungaphumeleIi amatyeli amathathu ngokoyisa eyona mbethi-manqindi ihlonelwayo ehlabathini, uNigel Benn. Ukuphumelela kukaMalinga kwenze uMzantsi-Afrika
kubalisa UWILLIE BOKALA kufote abeSOIJTHL1GHT
waneentshatsheli ezisibhozo kwiminyaka nje emibini.
L
UMalinga ophumeleleyo! Abagwebi ababini bavumelene ukuba uphumelele.
UNigeI Benn obethwe kanobom, amehlo akhe evalwe


K
 WISITHUBA nje sonyaka odlulileyo uThulani Sugarboy Malinga ebelibalekile kusithiwa uphelelwe ngabanye abasemagunyeni emanqindini.
Kodwa le mbethi-manqindi ayikhange ityhafe, izingise okwengcuka yanyamezela okwexhalanga kwaye kungokunje uMzantsi-Afrika uyothulel umnqwazi ngempumelelo yayo ebe yimbali emanqindini eli.
SeLe othulelw umnqwazi nguMphathiswa wezeMidlalo weli, uMnu. Steve Tshwete nanguMongameli, uMnu. Mandela.
UMalinga onama-36 eminyaka ubudala ubethe eyona mbethi-manqindi ihlonelweyo ehlabathini, uNigel Benn, wazuza intshinga yesuper middleweight yeWorld Boxing Council nezoyisakeleyo iimbethi-manqindi ezininzi ukuyithatha
ngamanqindi kaMalinga kumlo oyiswe kuwo.



kuye.
UMalinga uyimbethi-manqindi yokuqala eMzantsi-Afrika ukuzuza le ntshinga phantsi kweWorld Boxing Council (WBC) nekuthiwa iyeyona ihloniphekileyo kwimibutho emithathu elawula amanqindi kwihlabathi.

Njengentshatsheli yesibhozo yehlabathi yaseMzantsi-Afrika, uMalinga wongeza kuVuyani Bungu (IBF junior featherweight), uMbulelo Botile (IBF bantamweight), uJacob Baby Jake Matlala (WBO junior flyweight), uphillip Holiday (IBF lightweight), uGary Murray (WBU wetterweight), uFrancois Botha (IBF heavyweight) kunye noNovember NtshingiLa (IBC featherweight) nabaziintshatsheli zehlabathi eziphetheyo.
Ibilityeli lesine uMalinga ezama
Ubuso bumpuluswa okolosana emva kwemijikelo enzima elishuini elinambini.
UMalinga wothulelw umnqwazi nguMongameli Mandela nanguMphathiswa wezeMidlalo,
uSteve Tshwete.





ukuzuza intshinga yehlabathi nanjengoko woyiswa kwimilo noChris Eubank kwintshinga yeWorld Boxing Organisation, uGraciano Rocchigiani kwintshinga yelnternational Boxing Federation kunye noLindell Holmes kwakule ntshinga.
Makukhunjulwe ukuba uMalinga ebesilwa okwesibini noNigel Benn. (Woyiswa ngamanqaku kumlo wabo wangaphambili ongenantshinga kwiminyaka emine edlulifeyo).
UMalinga ulwe kakuhle kakhulu noBenn kweli tyeli yaye wenze okoyise uChris Eubank amatyeli amabini equbisene noBenn. Umbethile wadlala ngaye eringini kangangokuba uthe wakuphela umlo uBenn wabhengeza ukuba uyawayeka amanqindi.
Abagwebi ababini bathe kuphumelek uMalinga ngo-115 - 111 kunye no-118
- 109, owesithathu umgwebi uthe kuphumelele uBenn ngo-114 - 112 esenza iyantlukwano ebingafanelanga xa wonke umtu ebezixelefe ukuba iphumelele kakuhle imbethi-manqindi yaseMzantsi-Afrika.
Ukunconywa kukaMalinga nguBenn ngokulwa kwakhe kakuhle kumelo kuthethe Iukhulu kumgwebi waseMelika uChuch Giampa, obonakale engawaz umahluko phakathi komntu ophumeleleyo nowoyisiweyo.





The Fans - abalandeli bebhola baseMzantsi-Afrika bayithande bonke ingoma yayo ethi Ndizani Bafana
Ndizani kwiifayinali zeAfrica Cup of Nations.

Ezolutsha





Njengokuba ingu- 1996 sele kushiyeke iminyaka emine ngaphambi kokuba sifikelele kwinkulungwane yama-21. Lelona xesha limyoli kulutsha Iwendawo yonke eli. EZOLUTSHA ziza kukunceda uhlale unolwazi ngeendaba ezintsha nangokwenzekayo elutsheni.


KWEZOLUTSHA KULE NYANGA:
the Future

* lindaba Zolutsha - Ootata Abalahla Abantwana Babo Neengxaki Ezidalwa Koko Eluniwini
lncwadi Evulekileyo Yezolutsha


ziqulunqwe nguBONGANL HLATSHWAYO


Singathanda ukwazi eninqwenela ukukubona kula makhasi, lilonke ukuba uneembono, nceda usibhalele kwaTeenage Page, Bona Magazine, Box 32083, Mobeni, 4060. Siyathemba ukuba
siza kuva kuni kungekudala.








NGENELA UKHUPHISWANO
LWEKNORROX SOYA MINCE/80N1
IMBALASANE
YANGOMSO
IMITHETHO:
1. Olu khuphiswano luvuleleke emntwini wonke ngaphandle kwabangabasebenzi bakwaRobertsons nakwaBona kunye neentsapho zabo nabo babhengeza iimveliso zabo.
2. Asiyi kuphikiswa isigqibo sabagwebi kwaye akuyi kwamkelwa mbalelwano ngaso. 3. Abatungeneleyo kuya kufuneka bavume ukuba zishicilelwe iifoto neenkcukacha zabo kwiBONA okanye zisetyenziswe simahla ngenjongo zentengiso nanjengoko bebona kufanelekile abaxhasi.
4. Luvalwa ngomhla we-30 kujuni ka-l996 olu khuphiswano kwaye akasayi kwamkelwa amangeneto afike emva kwexesha.
5. Nawuphi na umntu olungeneleyo olu khuphiswano kwaza kwafunyaniswa ukuba usinike iinkcukacha ezibubuxoki uya kohluthwa naliphi na ibhaso alifumeneyo. 6. likhuphoni zokungenela kunye nezinye iinkcukacha mazifakwe emvulophini enye yalowo ungeneleyo.
- - SUPERSTAR/BONA Competition, Box 32067, Mobeni, 4060. Ezinye iinkcukacha ungazithumela kwiphepha elilodwa kunye nale khuphoni ufake nefoto yakho kwimvulophu enye.

IGAMA                   IDILESI                  

 IKHOWUDI:...
 ISIKOLO:	

IDILESI                  

 IKHOWUDI:....
IMBALI
EZEMIDLALO-             







ISIFUNGO: Ndiyaqinisekisa 
yenqununu-               



iKnotrox Soya Mince enencasa ineeprothini, kwaye ayinazicholesterol zininzi nto leyo eyibangela ibe kukutya okunezondlo kosapho luphe!a ingakumbi abaniwana abasakhulayo nabantu abathanda ezemidlalo. lfumaneka izincasa ezisibhozo ezimnandi:
EyeCurry, eyeMutton, eyeMinestrone, eyeBeef & Onion, eyeChicken, eyeSavoury, eyechilli Beef, eyeOxtafl Tomato and Onfon.



Ngaba ungukapteni weqela elithile?
Ngaba ungumdlali elingenakudlala ungekho iqela lakho?
Ngaba unamaphupha - namandla okuwafezekisa - ukuze ube yimbalasane?
Ngaba uphumelele imbasa yezemidlalo kutshanje?
OLU KHUPHISWANO LUNGALINYATHELO LAKHO LOKUQALA EKUBALASELENI KWEZEMIDLALO!
Sifuna ukwazi indlela oqhube ngayo kwezemidlalo kwaye sifuna usithumelele ifoto onxibe kuyo impahla yezemidlalo.
NANGA AMABHASO ONOKUWAZUZA:
Wena namalungu eqela lakho niyakuzuza iitracksuit zakwaknorrox, iikephusi nezikipa.
Ngoseptemba siya kukhetha ogqwesileyo unyaka wonke noya kuzizuzela ibhasari yokuqhubela phambili nezemidlalo emveni kokuba egqibile esikolweni.
uya kuntingiselwa eJohannesburg nalapho uya kuba lundwendwe kwimibhiyozo yokugqiba iminyaka engama-40 yeBONA utumane nembasa. Ngaphezu koko uya kuhlangana nezinye zeendwalutho zeli lizwe!
50 BONA XHOSA - May 1996

54 BONA XHOSA - May 1996

* Ukhuphiswano lweKnorrox - iSportstar Of

56 BONA XHOSA - May 1996

